FOR IMMEDIATE RELEASE
ATTENTION: ALL EDITORS / REPORTERS
MEDIA STATEMENT 24 APRIL 2020 – FRIDAY
UMPHATHISWA WESEBE LEMISEBENZI YOLUNTU EMPUMAKOLONI UTYELELA UMZIMVUBU
Kwiphulo lokuqinisekisa ukuba sikulungele siliphondo ukulwa nentsholongwane ehlasela ilizwe iCovid-19 umphathiswa kwiSebe leMisebenzi Yoluntu (Department of Public Works) uMnu. Babalo Madikizela ephelekwe nguSodolophu woMzimvubu uCllr S. Mnukwa batyelele izibhedlela iMadzikane KaZulu kunye ne Mt Ayliff Hospital ngomhla we 24/04/2020.
“Injongo zolutyelelo kukuqinisekisa ukuba izibhedlela zethu ngokwezakhiwo ngenene zikulungele ukumelana kwakunye nokwamkela ubuninzi bezigulana ngelixesha lalentsholongwana”. Uchaze watsho uMadikizela
Njengoko amanani abo basulelekileyo athe gqolo ukunyuka kweliphondo leMpuma Koloni, urhulumente umisela zonke iindlela ezincedisana nokulwa lobhubhane, nokuqinisekisa ukufumaneka kwamagumbi abo bayakuthi bagcinwe bucala kuba bosulelekile.
“iMadzikane kaZulu sisibhedlela sesithili kwaye sijongene nomthamo omkhulu kakhulu wabantu abangenayo umhla nezolo ngoko ke isakhiwo esongezelelweyo se-Quarantine sizokubancedisa kakhulu abantu base-Alfred Nzo”. Uphefumle watsho okaMnukwa ngethuba ebulela urhulumente wephondo ngokutyelela izibhedlela zaseMzimvubu.
Ngenkcukacha ezithe vetshe qhakamshelana no:
Mrs Nokhanyo Zembe
HOD: Communications and SPU
Umzimvubu Local Municipality
039 255 8508 / 072 091 3952
-Ends-
