Please wait, loading...

 

UMASIPALA UMZIMVUBU UNIKEZELE NGEHOLO LOLUNTU EWARD 8

INGXELO ENGXAMISEKILEYO
IYA KUMAJELO OKE EENDABA 26 EkaCanzibe 2021
UMASIPALA UMZIMVUBU UNIKEZELE NGEHOLO LOLUNTU EWARD 8

Namhlanje umhla wamashumi amabini anesithandathu umasipala wasekuhlaleni Umzimvubu uthe wanikezela ngokusesikweni ngeholo yoluntu kubahlali belali yaseLusuthu, kwaWard 8. Leholo nexabise ngaphezulu nje kwezigidi ezibini zeeRandi yamkelwe ngezandla ezishushu ngabahlali balelali ephezukwentaba iNtsizwa. Oku kudandalaziswe yenye yeenkonde zalapha utata uLuzipho nophefumle wenjenje, “Sinovuyo olukhulu singabahlali balendawo ngesisakhiwo, sikwabulela intembeko kulomasipala njengoko sasithe savumelana kwintlanganiso ye-IDP ukuba kulonyaka -mali sinqwenela iholo. Kunamhlanje nje sohlukene nokudibanela phantsi kwemithi nokumane sicela indawo esikolweni khona ukuze siqhube inkqubo zalelali”.

Oxhuzula imikhala kwicandelo leZezakhiwo, uHlaziyo kwakunye nokuCwangisa kuloMasipala uCllr U.G Makanda uthe wasivula esisakhiwo egameni loMzimvubu, ebalula ixabiso laso, umgangatho esikuwo kwakunye nexesha esizakuthi silithabathe sikulemo sikuyo namhlanje. “Singulomasipala sizimisele ukuzisa iinkonzo ezinexabiso nezithi zibelulutho eluntwini kwaye zihlale ixesha elide zicocekile, kungesosizathu ke esibone ukuba wonke amaholo esiwokhayo siwabuyekeze ngezitena ezitshisiweyo (face brick) kwakunye neengcango neefestile zodidi lwe-aluminium” utshilo lo kaMakanda.

Olulwakhiwo lwaleholo luthe lwadala amathuba emisebenzi alishumi elinesihlanu nalapho unintsi bekungabantu abatsha abathe baxhamla. Intsebenziswano phakathi koluntu lwalelali kwakunye nekhontilaka ebisokha apha ibalulwe kakhulu nguceba waleWard uCllr Thabisa Sokhanyile, nothe wakhuthaza ulutsha lwalendawo ukuba liyisebenzise leholo kwiinkqubo ezizakuthi ziphucule uluntu kwaye zizise inguqu ebomini babo. “ingomso lesisizwe lixhomekeke kulutsha lwethu, ngoko ke nokuhlala iminyaka kweliholo likhuselekile kuxhomekeke kubantu abatsha balapha” uphefumle watsho uCllr Sokhanyile ngethuba ebhexesha lomnyadala. Watsho ekukhalimela ukonakaliswa kwezakhiwo zikarhulumente egameni lokuqhankqalazela ukuziswa kwezinye iinkonzo ezingundoqo.

Ngenkcukacha ezithe vetshe qhakamshelana no:

Nksz Nokhanyo Zembe
HOD: Communications and SPU
Umzimvubu Local Municipality
Zembe.Nokhanyo@umzimvubu.gov.za
072 091 3952

-Isiphelo-

Copyrights All Rights Reserved. UMZIMVUBU LOCAL MUNICIPALITY.