Please wait, loading...

 

USODOLOPHU WOMZIMVUBU WAMKELA IIPASELA ZOKUTYA EZINGAPHA KWE-500

FOR IMMEDIATE RELEASE
ATTENTION: ALL EDITORS / REPORTERS
MEDIA STATEMENT 07 MAY 2020 – THURSDAY

USODOLOPHU WOMZIMVUBU WAMKELA IIPASELA ZOKUTYA EZINGAPHA KWE-500

NgoLwesibini umhla wesihlanu (05 May 2020) uSodolophu woMzimvubu uCllr Sobane Mnukwa uthe wamkela isipho sokutya okuziipasela ezingama-580 kwiqumrhu labucala i-Acqumen. Nanjengoko abo banesisa bethe gqolo ukufaka isandla ekuncediseni lo masipala ngelixesha lentlekele, usodolophu ubaqhwabela izandla oosomashishini balomasipala nalengingqi ngokubanzi ngentsebenziswano entle.

“Eli liphulo elihle kakhulu, siyazingca ngoosomashishini bethu ngokuthi babone kufanelekile ukuncedisa ekulweni indlala ngelixesha le-COVID-19. Le ntsholongwane isichaphazela sonke kwaye ibathwaxa nangakumbi abo bangathathi ntweni”.uphefumle watsho uCllr Mnukwa.

Obemele i-Acqumen uBongani Faye uthe bengoosomashishini abaphuma kwingingqi i-Alfred Nzo, ukuncedisa nokuhlangabezana noomasipala ekulweni, nokunqanda ukunwenwa kwesisifo babone ukuba bolule ingalo banikezele eMzimvubu ngeepasela zokutya okuzakuthi kuxhamle iintsapho ezingama-580 ukugxotha ikati elele eziko.

Oku kuphosa esivivaneni kosomashishini kuyakhuthazwa kakhulu ngulomasipala, kananjalo ekwahlaba ikhwelo nakwabanye ukuba bazeke mzekweni nanjengoko xa sibambisene sizakumoyisa lo bhubhane. Abahlali bayakhuthazwa ukuba bangayityesheli imigqaliselo nemimiselo yomthetho wokumiswa ngxi kweentshukumo i-Lockdown ukutsho, ingakumbi xa bekwiindawo zikawonke-wonke.

Ngenkcukacha ezithe vetshe qhakamshelana no

Ms Nokhanyo Zembe
HOD: Communications and SPU
Umzimvubu Local Municipality
Zembe.Nokhanyo@umzimvubu.gov.za
072 091 3952

 

Copyrights All Rights Reserved. UMZIMVUBU LOCAL MUNICIPALITY.