Please wait, loading...

 

ATTENTION ALL EDITORS – REPORTERS

​USODOLOPHU WOMASIPALA WASEKUHLALENI UMZIMVUBU UZELE YIMINCILI NOMBULELO EMVENI KOKUBONA INKXASO EYE YATHI TYE ISUKA KUBANIKELI BASEKUHLALENI.
Ngomhla weshumi elinesibhozo kwinyanga kaTshazimpuzi kwakulonyaka umiyo; uSodolophu womasipala wasekuhlaleni Umzimvubu uCeba Sobane Mnukwa wenze ilizwi lombulelo kubaxhasi nabanikeli basekuhlaleni, oku ukwenze xa kanye enikezela pasela zokutya kumaphandle iLubaleko nekwidolophu yamaXesibe. Oku kulandela omnye umnikelo ubusaya kwenziwa kwaBhaca kubantu abangaphaya kwamashumi amabini.
“Sinemincili kukubona iinkampani eziye zeza ngaphambili xasihlaba ikhwelo lokunceda uluntu olusebungciphekweni kulentsindabadala yovalelo esiphantsi kwayo sililizwe. Ngokuncediswa ngooCeba abazaziyo ngcono iilali ebezidinga uncedo sikwazile ukuchonga amakhaya angamashumi amabini atsho afumana umnikelo wokutya. Sikwacela ukuba ningathyafi mawethu koko nithi gqolo ukusondela neminikelo yenu ukuze siwulwe sonke sibambisene lo bhubhane,” utshilo uSodolophu.
Umhlali waseLubaleko uvakalise wathi,” Ndihlala nomakhulu wam onezigulo ezithubelezayo. Ndim kuphela obeka isonka etafileni nokwasisandla sokondla kwikhaya liphela, ngoku ngenxa yalobhubhane andisakwazi nditsho nokuya ndiyocholachola iintwana ngeentwana oko kuqutya ukutya. Ndivuye kakhulu yaye esisenzo sindishiye ndithobekile, ndinombulelo ongazenzisiyo,” ugqibelise watsho.
“Ndiyacela kwaye ndiyakhuthaza abanye oosomashishini kwakunye neenkampani zasekuhlaleni ukuba zilandele ekhondweni, zincedisane norhulumente ukulwa lobhubhane ngoku okuncinci esinako,” uphefumle watsho omnye wabanikeli.

Umasipala uyaqhuba nokuququzelela ukuthobelwa kwemiqathango emisiweyo phantsi kovalelo, ekwacinzelela ukuba abahlalai bamagweme iintlangano bahlale ekhaya.

Malunga ne nkcukacha ezithe vetshe nxulumana no:
Mrs Nokhanyo Zembe
HOD: Communications and SPU
Umzimvubu Local Municipality
Zembe.Nokhanyo@umzimvubu.gov.za
039 255 8508 / 072 091 3952

Copyrights All Rights Reserved. UMZIMVUBU LOCAL MUNICIPALITY.